[ PDF Version ]

Umthandazo woMthunywa weNkosi

NgoAprili 1, 1903 (Ms 16, 1903)

Lo mthandazo ka-Ellen G. White usuka kwintlanganiso yakusasa eyayibanjwe kwiSeshini yeNkomfa Jikelele ka-1903 e-Oakland, eCalifornia, eMelika. Imiba engundoqo kwiSeshini yayikukwamkelwa kohlengahlengiso locwangciso ngokutsha kweNkomfa Jikelele ka-1901, ubunini beZiko Lezonyango lenkonzo lase-Battle Creek, kunye nendawo yexesha elizayo yokuzinziswa kwe-Review and Herald Publishing House.

Omabini amaziko ayetshile aphelela phantsi. Okokuqala kwakhiwa isakhiwo esiyintloko seZiko Lezonyango ngoFebruwari 18, 1902, kwaza kwalandela isakhiwo esiphambili sokupapasha ngoDisemba 30, 1902.

Bawo wethu Osemazulwini, uthe, “Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.” [Mateyu 7:7.] Bawo wethu osemazulwini, sidinga uMoya wakho oyiNgcwele. Asifuni ukuzisebenzela ngokukwethu, kuphela sifuna ukusebenzisana noThixo. Sifuna ukufikelela kwindawo apho uMoya oyiNgcwele kaThixo ayakuba phezu kwethu ngamandla awo avuselelayo, angcwalisayo. Uyakuzibonakalisa kuthi kanye kule intsasa! Uya kutshayela yonke inkungu nalo lonke ilifu lubumnyama!

Siza Kuwe, Mkhululi wethu onemfesane; kwaye sicela Wena, ngenxa kaKristu—ngenxa yoNyana wakho, Bawo, ukuba ubonakalise Amandla Akho kubantu Bakho apha.

Sifuna ubulumko, sifuna ubulungisa, sifuna inyaniso, sifuna uMoya oyiNgcwele ube nathi.

Uveze phambi kwethu umsebenzi omkhulu ekufuneka uqhutyelwe phambili egameni labo basenyanisweni nasegameni labo bangalaziyo ukholo lwethu; kwaye Nkosi, njengoko sele unike mntu ngamnye umsebenzi wakhe, siyakubongoza ukuba uMoya oyiNgcwele unga ungayitsalela igqondo yomntu kumthwalo womsebenzi oyakuzinza kumphefumlo ngamnye, ngokommiselo Wakho.

Sifuna ukuqinisekiswa; sifuna ukugcwaliswa Ngaye nangenxa Yakhe; sifuna ukulungelaniselwa umsebenzi; kwaye apha, kanye apha kwesisiqendu sentlanganiso saleNkomfa, sifuna ukubona intyilelo yoMoya kaThixo. Sifuna ukhanyiselo, Nkosi--- Nguwe uKhanyiselo. Sifuna inyaniso, Nkosi—Nguwe iNyaniso. Sifuna indlela eyinyaniso--- Nguwe iNdlela eyiNyaniso.

Nkosi, siyakubongoza ukuba singalumka sonke ngokwaneleyo ukuba siqonde ukuba kufanele ukuba umntu ngamnye avule intliziyo yakhe kuYesu Kristu, ukuze ngaye uMoya oyiNgcwele angene ukuze asibumbe kwaye asenze ngokutsha, ngokonomfanekiso oNgcwele.

Owu Bawo, Bawo! nyibilikisa uzithobe iintliziyo zethu. Kusasa nje silangazelela ukuzinikela ngokupheleleyo Kuwe; silangazelela ukunikezela ngentando yethu, ngehambo yethu, ngendlela yethu yokwenza engahambisaniyo nendlela nentando kaThixo; silangazelela ukwamkela indlela kaYehova, intando kaYehova, necebo leNkosi.

Yiza, Owu yiza phakathi kwethu ngalentsasa, yiza ezintliziyweni zethu, kwabancinci nabadala. Ngendlela eyodwa yiza ezintliziyweni zabo baphethe iinyaniso zeendaba ezilungileyo, ukuze bonke bakhanyiswe yimitha eqaqambileyo oyivumeleyo ukuba ikhazimle eLizwini Lakho, ukuze umyalelo Wakho uze ekuqondeni komntu ngamandla oMoya oyiNgcwele kaThixo ophilayo.

Siyavuma phambi Kwakho ukuba asilihlonelanga igama Lakho njengoko besifanelekile. Siyavuma phambi Kwakhoukuba kufuneka sityumke intliziyo. Silangazelela kanye ngoku ukuba siguquke kwakhona; silangazelela kanye ngoku ukuba siqaphele ukuba uKristu uyintoni kuthi, kwaye siyintoni kwaye singayintoni Kuye njengabasebenzisani Bakhe—Äbasebenzisi Bakhe.” [1 KwabaseKorinte 3:9.]

Owu Bawo, wonke umphefumlo odidekileyo, wonke umphefumlo ongakwaziyo ukuqonda nokuyibona indlela, mayibekwe phambi kwakhe indlela ngokucace kangokuba kususwe inkungu, kudlule ilifu, ukuze iLanga lobulungisa likukhazimle kumagumbi engqondo nakwitempile yomphefumlo. Sihlambe, kwaye siyakuhlambuluke, Nkosi. Inceba enyibilikisayo, inceba evela kuwe, mayingene kuzo zonke iintliziyo; size ke, xa siqonda inceba enyibilikisamyo yoMsindisi onemfesane nothando, iintliziyo zethu, ziphinde zimanyane, zibethe ngazwinye, kwaye bonke baya kugudlana ngamagxa bexhasana ekuqhubeleni phambili lo msebenzi mkhulu.

Asinakuba nako ukungakhathali, Nkosi; asinako ukusebenza ngokuchasana komnye nomnye. Kufuneka sithembele Kuwe; kwaye siyacela, ngale ntsasa, ukuba uvumele uMoya oyiNgcwele uhle phezu kwethu. Sikulungele ukwamkela uMthuthuzeli; sivula ucango lwentliziyo, simemela uMsindisi ngaphakathi. Siyakuthanda, Msindisi othandekayo; Uyazi ukuba siyakuthanda. Sibona kuWe amakhubalo angenakuthelekiswa nanto, kwaye sinqwenela ukuba wonke umphefumlo uhlale ukhangele kuWe, Wena oyiMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu.

Yiza, Nkosi Yesu, uze usithabathe njengoko sinjalo, ubeke phezu kwethu ingubo yobulungisa baKho. Susa izono zethu. Msindisi wethu, weza emhlabeni ukuze wenze oku. Siyaguquka ekwenzeni okubi; silusizi ngako konke ukuphambuka kuwe; yaye siyakucela ukuba usixolele kuzo zonke izikreqo zethu, ukuze silibonise ihlabathi ukuba sinoMsindisi onako ukuzisusa izono zethu nokubalela kuthi ubulungisa bakhe.

Nkosi, siyakwamkela ngoku; siyakwamkela ngoku; siyakholwa kuWe ngoku; kwaye siyakucela ukuba uvumele uMoya oyiNgcwele waKho uphumle phezu kwethu kanye ngoku. Hamba nje ngoku kule ndlu, siyakuthandaza; kwaye zanga izithunywa ezikukhaphayo zingajikeleza kuzo zonke izihlalo nakuzo zonke iintliziyo; kwaye ngamana wonke umntu angayiqonda into ekufuneka “uMna” ayenze. Kwanga wonke umntu angajongi emntwini, kodwa kuKristu—kuLowo wasifelayo ukuze asisindise. Sisindisiwe ngawe, Nkosi; sijonge kuWe, Nkosi. Owu makabe phezu kwethu amandla Akho, usixelele ukuba zixolelwe izono zethu. Uthembisile, "Ndiya kukunika intliziyo entsha." (Hezekile 36:26) Sinqwenela ukuba iintliziyo zethu zihlaziyeke, Nkosi; silangazelela le nto.

Sikelela abazalwana bethu abangabalungiseleli. Sikelela bonke abasezikhundleni kumaziko ethu. Asifuni ukuba uwatshabalalise la maziko; asifuni ukubona impembelelo yabo ishenxiswa. Sifuna ukuba uthabathe ngokulula yonke into engalunganga entliziyweni, ubomini, esimilweni somsebenzi ngamnye, ukuze usebenzise onke amaziko okutyala kwakho ukuzukisa igama lakho. Sifuna ngalinye kuwo.

Owu Msindisi wam, Wena ubonakalise imfesane kuthi sonke, kwakhona siyakucela ukuba usinike inxalenye eninzi yenceba Yakho, inzaliseko Yakho, imfesane Yakho, uthando Lwakho olungunaphakade. Yiza, Nkosi Yesu, usenze sibe nenxaxheba kwindalo Yakho yobuThixo, ukuze soyise ukonakala okusehlabathini okubangelwe yinkanuko. Owu wanga uMoya kaKristu, uthando lukaThixo, ungathuthuzela yonke intliziyo ngale ntsasa! Bugxothe ubumnyama, wajike amandla akhohlisayo otshaba, kwaye vumela ilizwi laKho noMoya wakho nothando lwakho lungene emiphefumlweni yethu, ukuze sihlale kunye kwezasezulwini iindawo noKristu Yesu; kwaye igama Lakho liyakuba nozuko lonke. Amen.

Inguqulelo Kulwimi lwesiXhosa ngu: Mfundisi uSiphiwo Jakavula